IMVELAPHI
Ukusukela kukhetho luka-1994, Amaxhwele ebesebenzisana norhulumente ngenjongo yokuba umsebenzi wabo uqondwe ngokusesikweni. Ngenxa yokuba ulwazi obelufumaneka beluluncinane ukuba kwenziwe iinkqubo, iKomiti yeSebe loLawulo kwiMpilo yacelwa ukuba iqhube uphando olujoliswe kule miba ilandelayo -
Imfuneko yebhunga elimiswe ngokomthetho lamaxhwele;
Ukwamkelwa kweziqinisekiso zokuba umntu ebegula ezivela kumaxhwele; kunye
Iingxoxo zoluntu zabanjwa kuwo onke amaphondo phantsi kweeKomiti eziSebenza ngeMpilo ngo-1997. Ikomiti yeeNkonzo zeNtlalo ye-NCOP yalungelelanisa ulwazi olufunyenweyo kwaye yaqulunqa ingxelo ngeziphumo zamaphondo. IKomiti yeSebe loLawulo kwiMpilo yaqhuba nezinye iingxoxo ezingaphaya zabathelelani besizwe ngoFebuwari 1998.
Ingxelo yokugqibela eyafunyanwa ngoDisemba 1998 yenza izindululo zokuba amaxhwele mawaqondwe ngokusemthethweni ukuba angumthombo wempilo kunye nokuba ibhunga lexeshana malimiselwe imfanelo yalo eyakuba kukulawula loo msebenzi. Ibhunga lexeshana kufuneka linike ingxelo epalamente kwiminyaka emithathu kuze emva koko ke kumiselwe iBhunga elisisigxina ukuba ngaba imiqathango ethile kuhlangatyezwene nayo.
Ngenxa yamalungiselelo onyulo jikelele ngoJuni ka-1999 kwabonakala kungenakwenzeka ukuba uMphathiswa ajonge umthetho ocetyiweyo. Isingeniso solawulo esiphathelene nenkqubela eyenziweyo sagqitywa ngomhla we-16 Septemba 1999. Ingxelo yeentlanganiso ezimbini kunye nendibano yokubonisana eyabanjwa nabathelelani bamaxhwele yaye yathiwa thaca etafileni. Ukusukela ngo-1999, iintlanganiso ezahlukeneyo kunye neendibano zokubonisana phakathi kwabathelelani kunye nesebe ziye zakhona kwaye ngoSeptemba ka-2000, i-MINMEC yeMpilo yanika iSebe lezeMpilo igunya lokuphumeza isindululo seKomiti yeSebe loLawulo sokuseka iBhunga leXeshana lamaXhwele. Ngo-2001/2002 iSebe laqala ngothotho lwemiboniso eyenziwa kwiindawo ngeendawo isenzelwa amaxhwele kumaphondo ukwenzela ukubandakanya amaxhwele kwiingxoxo kunye nokuwaqhelanisa noluvo lokuba umsebenzi wabo ibe ngumsebenzi olawulwayo.
Iqumrhu labaSebenzi ngeMpilo abangamaXhwele laye lasekwa nalo lisebe ngeli xesha kwaye liye ladibana amaxesha amaninzi ukuxoxa ngezindululo zowiso-mthetho kunye nemiba ejikeleze ulawulo lwabaSebenzi ngeMpilo abangamaXhwele. Intlanganiso yokugqibela yequmrhu yaba ngoDisemba ka-2002.
IINJONGO ZOMTHETHO OYILWAYO
umThetho oYilwayo ujolise-
a ekulawuleni nasekuphatheni umsebenzi wempilo wamaxhwele kwiRiphabliki;
b ukunceda ekuphakamiseni impilo yabemi beRiphabliki;
c ukuqinisekisa ubulunga bokhathalelo lwempilo kumsebenzi wempilo wamaxhwele;
d ukukhusela kunye nokusebenza ngokusemdleni wamalungu oluntu olusebenzisa okanye oluchatshazelwa ziinkonzo zabasebenzi bempilo abangamaxhwele;
e ukumisela inkqubo ngokuphathelene nabasebenzi ngempilo abangamaxhwele kunye nomsebenzi wempilo wamaxhwele kwimiba yemfundo, imali ehlawulwayo, ezezimali, ubhaliso, ukuziphatha ngobungcali, iinqobo ezisesikweni, inkqubo yoluleko, isikowupu somsebenzi wempilo wamaxhwele, imicimbi phakathi kumsebenzi wobugcisa kunye nokulondoloza ubuchule bokuba nako;
f ukuqinisekisa ulondolozo kunye nokugcinwa kwemigangatho yeenqobo ezisesikweni kunye nobungcali ngabasebenzi bempilo abangamaxhwele g ukuphakamisa kunye nokuphuhlisa umsebenzi wamaxhwele asebenza ngempilo ngokukhuthaza uphando, imfundo noqeqesho kumsebenzi wempilo wamaxhwele;
h ukuphakamisa unxibelelwano phakathi kwemimandla eyahlukeneyo yoqeqesho kumsebenzi wempilo wamaxhwele kwiRiphabliki kunye nokuphakamisa imigangatho yoqeqesho olunjalo kwiRiphabliki;
i ukulondoloza kunye nokugcina isidima somsebenzi kunye nobulungisa babasebenzi ngempilo abangamaxhwele;
j ukuphakamisa umsebenzi wempilo wamaxhwele ongqinelanayo nezithethe zokhathalelo lwempilo ezamkelwe jikelele kunye neenqobo ezisemgangathweni ngenjongo yokuphucula ubulunga bobomi boluntu jikelele;
k ukwakha indawo ekugcinwa kuyo iirejista yabantu abafuna ukuzibandakanya kumsebenzi wempilo wamaxhwele ngokungqinelana neemfuno ezimiselweyo zobhaliso;
l ukukhokelwa komsebenzi;
m ukudala inkqubo yocebiswano kunye neziphathamandla ezibandakanyekayo kwimiba echaphazela abasebenzi ngempilo abangamaxhwele kunye nalo micimbi ichaphazela umsebenzi ngempilo wamxhwele;
n ukuphakamisa nokulawula, ngokusemdleni woluntu, unxibelelwano phakathi kwabasebenzi ngempilo abangamaxhwele kunye namanye amachule emisebenzi yempilo abhaliswe ngokwemiqathango yawo nawuphi na umthetho;
o ukuphumeza iinkqubo zempilo ezibekwe nguMphathiswa ngokuphathelene nomsebenzi ngempilo wamxhwele;
p ukudlulisela kuMphathsiwa ulwazi ngokubaluleka koluntu olufunwa libhunga kwithuba lokwenza kwalo imisebenzi yalo phantsi kwalo mThetho.
UmThetho oYilwayo unokurheshiweyo kumgaqo-siseko kuba ufuna ukulawula umsebenzi obungalawulwa ngaphambili. ICandelo lama-22 loMgaqo-siseko limisela ukuba: "Ummi ngamnye unelungelo lokuzikhethela urhwebo, umsebenzi, okanye umsebenzi wobugcisa ngokukhululekileyo. Umsebenzi worhwebo, umsebenzi okanye umsebenzi wobuchule unokulawulwa ngumthetho." ISebe lezeMpilo ngeYunithi yalo yomThetho lanelisekile ukuba umThetho oYilwayo awuchasananga nemimiselo yoMgaqo-siseko.
AMANYE AMASEBE/AMAQUMRHU/ABANTU EKUQHAGAMSHELENWE NABO
OKURHESHIWEYO KWEZEZIMALI
Iindleko zokuqala zeBhunga kuyakufuneka zihlawulelwe nguRhulumente. Ngokuhamba kwexesha iBhunga kufuneka lifikelele kwizinga lokuba lizimele ngokwezemali xa abasebenzi ngempilo abangamaxhwele behlawula ngobuninzi imali yabo yobhaliso. Iinkcukacha ezigcweleyo ngoku ziqulethwe kumThetho oYilwayo ocetywayo.
INKQUBO YASEPALAMENTE
ISebe lezeMpilo kunye nabaCebisi ngezomThetho bakaRhulumente banoluvo lokuba umThetho oYilwayo makusetyenzwe ngawo ngokungqinelana necandelo lama-76 loMgaqo-siseko, kuba uwela kwindawo yokusebenza edweliswe kwiShedyuli yesi-4 yoMgaqo-siseko, ekuthiwa ziinkonzo zempilo.
